Independent Newspapers uAshley Du Preez ulungiselela ukudibana neStellenbosch emdlalweni weNedbank Cup ngomso.
Image: Itumeleng English
Emva kokunceda iKaizer Chiefs emdlalweni obuphakathi evekini, uAshley Du Preez, uvumile ukuba umdlalo wangomso ubalulekile ngoba iNedbank Cup lithemba lokugqibela lokuzuza into kule sizini.
UDu Preez ukuthethe oku phambi komdlalo weNedbank ojongwe ngamehlo abomvu phakathi kweChiefs neStellenbosch FC ngentsimbi yesithandathu ngorhatya eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Ngumdlalo obalulekileyo kuwo omabini amaqela ngoba afuna ukuya phambili.
UDu Preez, 27, uvakalise izimvo zakhe ngokulindelekileyo emdlalweni oseGqeberha ngomso emva kokuba encede Amakhosi abetha iMagesi FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.
Ngoku kulindeleke uDu Preez awancede kwakhona xa edibana nelinye lamaqela alushica kwiPremier Soccer League. IStellenbosch iza kuya emdlalweni sixhobe safohlela ngoba ayifuni ukubethwa amatyeli amathathu elandelelana yiChiefs kwisizini enye.
Emva kokuchitha ixesha elide engayidlali ibhola, uDu Preez uthi kumvuyisa kakhulu ukubuyela ebaleni. "Ukufumana igowuli emva kokuqhotyoshwa kukonzakala yinto enkulu kum. Ukonzakala yinto eyenzekayo xa ungumdlali webhola ekhatywayo.
Kodwa okubalulekileyo yindlela osebenza ngayo emva kokuphila kwakho. Ndonwabile futhi kuthe qabu kum emva kokubuyela ebaleni kwakhona," utshilo uDu Preez, ekulindeleke adlale neqela awayelidlalela phambi kokuthengwa yiChiefs.
"Umdlalo wendebe unomahluko koweBetway Premiership. Kunyanzelekile sizame ukufumana iziphumo ezincumisayo ukuze siye phambili kwiNedbank Cup. Kumnandi ukudlala neqela owakhe walidlalela. Sizimisele ukujongana nomdlalo omnye ngexesha.
"Ewe, sinethuba elide singafumani ndebe - kodwa injongo yethu kukudlalela ukuya emdlalweni wokugqibela siphumelele. Kodwa ngoku sifuna ukuqubisana neStellenbosch. Kungakuhle ukuba kungagcwala abalandeli beChiefs phaya eNelson Mandela Bay Stadium. Sidinga inkxaso yabo ngoba sifuna ukuphumelela," utshilo uDu Preez.
Related Topics: