UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana uza kwenza intetho yohlahlo lwabiwo mali lwalo nyaka ngoLwesithathu, umhla we12 kweyoKwindla 2025.
Image: IOL
Umbutho weACDP uthi ulindele ukunyuka kancinci kwerhafu (VAT) ngomso xa uMphathiswa wezeMali ezakuba esothula intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali eKapa.
Oyinkokheli yalo mbutho nokwalilungu lePalamente, uSteve Swart, abakuxhasi nabo ukunyuswa kwerhafu njengeminye imibutho esePalamente.
"Silindeleke ukuba kubekhona kancinci ukunyuswa kwerhafu nangona singahambisani nangaluphi uhlobo lokunyuswa kwale rhafu nguMphathiswa uEnoch Godongwana," kutsho uSwart.
Uhambisa athi abantu abahlawula irhafu kweli bayakhala ngelithi abayiboni irhafu yabo ukuba yenza ntoni, ngoko ke ukunyuswa kwayo kungabanga ingxaki.
"Ukungabikho kweenkonzo eziquka umbane, amanzi neenkonzo zooMasipala kubangela ukuba abantu bangasiboni isizathu sokuba bahlawuliswe iirhafu eziquka iVAT," uhambisa atsho uSwart.
UMphathiswa uEnoch Godongwana uzakuba esenza intetho yakhe yohlahlo lwabiwo mali ePalamente eKapa ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga yoKwindla.
"Kuninzi ekumele ukuba kuqwalaselwe ngaphandle kokungxamela ukunyusa irhafu, inkcitho egqithisileyo nelahleko eyenziwa ngamalungu ePalamente zezinye zezinto ekumele ukuba ziqatshelwe," kutsho uSwart.
Umbutho weDA ngomlomo kaGqirha Mark Burke uthi usigqithisile isicwangciso sokubaleka ukunyuswa kwerhafu kumbutho olawulayo.
"Sibanike iintsika ezintandathu ezinokunceda ukunqanda ukunyuswa kweVAT, kuba esethu isisombululo sisekelezelwe ekukhuliseni uqoqoqosho ngokuthi kwenziwe iinguqu ezihambelana nokukhuliswa koqoqosho," kutsho uBurke weDA.
USongezo Zibi weRise Mzansi uthi ulindele ukuba uGodongwana aqinisekise ukuba abantu abahluphekayo beli bayakhuselwa ngeendlela zonke. "Makube neendlela ezicacileyo zokuqinisekisa ukuba abantu abahluphekayo bayakhuselwa kule ntetho azakuyenza uGodongwana," kutsho uZibi.
UMmusi Maimane weBuild One South Afrika unqwenela ukuva intetho eza kwenza ukuba kukhule uqoqosho loMzantsi Afrika.
Related Topics: